Deuteronomy 19:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Iliso lako aliyi kuba nosizi pezu kwake, kodwa uya kukwelelisa igazi longenatyala kwa‐Sirayeli, ukuba kulunge kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ze lingabi nanceba iliso lakho kuye; wolitshayela ke igazi elingenatyala, lingabikho kwaSirayeli, kulunge kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ze lingabi nanceba iliso lakho kuye; ke ulisuse ityala legazi elingenatyala kwaSirayeli, ukuze kulunge kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu onjalo sukuba natarhu mpela kuye. Ubugebenga mabutshayelwe buphele tu kwaSirayeli, khon' ukuze nihlale ngoxolo.”