Deuteronomy 19:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Inqi̔na linye aliyi kuvuka ngasemntwini ngenxa yenye inkohlakalo, nangenxa yesinye isono, kuzo zonke izono ona ngazo: ngomlomo wamanqi̔na amabini, umhlaumbi ngomlomo wamanqi̔na amatatu, indawo iya kuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ze kungesuki kume ngqina linye ngomntu ngenxa yobugwenxa, nokuba bubuphi na, nangenxa yesono nokuba sisiphi, esonweni nokuba sisiphi one ngaso; lize limiswe ilizwi ngomlomo wamangqina amabini, nokuba kungomlomo wamangqina amathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ze kungesuki kume ngqina linye ngomntu ngenxa yobugwenxa, nokuba bubuphi na, nangenxa yesono nokuba sisiphi one ngaso; Loo nto iqiniselwe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba kungomlomo wamangqina amathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ingqina elinye alanele xa umntu ebekwa ityala, nokuba wone kanjani na. Ubutyala bommangalelwa kufuneka bumelwe ngamangqina amabini okanye amathathu.