Deuteronomy 19:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
(njengokuya aya nommelwane wake ehlatini ukugaula imiti, sisuke isandla sake sibete ngezembe, ukuba anqumle umti, iti intsimbi ijube empinini, ihle pezu kwommelwane wake, ade afe;) oyena uya kusabela kwesinye sezixeko ezo, adle ubomi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
waya nommelwane wakhe ehlathini, esiya kugawula imithi, isandla sakhe sajiwula izembe, enqumla imithi, yaphunyuka intsimbi emphinini, yabetha kummelwane wakhe, wafa: lowo wosabela komnye umzi kuloo mizi, asinde;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengoko indoda isiya ehlathini nentsapho yayo ukuya kugawula iinkuni, isandla sakhe sigawula izembe ngezembe lokugawula umthi, yaye intloko yaphuncuka emphinini, ibetha usapho lwakhe, wafa; uya kusabela komnye waloo mizi, aphile;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba abantu ababini baphumile baya kutheza ehlathini, waza ke wathi omnye wabo esagawula umthi lasuka lapoqa izembe lakhe laza lamenzakalisa wafa omnye lowo, lo ebegawula makaphephele kwenye yezo dolophu ukuzisindisa.