Deuteronomy 19:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
hleze umpindezeli wegazi aputume umbulali, nxa ishushu intliziyo yake, amfumane, ngenxa yokuba indlela ikude, ambulale ubomi; kungeko kuye ityala lokufa nje, ekubeni abengamtiyi ngamaxesha apambili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
hleze umphindezeli wegazi amsukele umbulali lowo, kuba ishushu intliziyo yakhe, amfumane ngokuba nde kwendlela, ambulale afe; engafanele kufa, kuba ebengamthiyile ngaphambili.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuba umphindezeli wegazi angamsukeli umbulali lowo, isavutha intliziyo yakhe, imfikele; ngokuba nde kwendlela; ukanti ebengamfanelanga ukufa, kuba ebengamthiyanga ngaphambili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umgama ekufuneka uhanjwe ngulowo ubalekayo umde, isizalwane esingumphindezeli soba nako ukumfumana lo ubuleleyo engekafiki, simbulale nakuba engenatyala yena ngokwakhe. Andithi na kaloku umbulele ngengozi lo mntu engelotshaba lwakhe!