Deuteronomy 2:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuhlala nama‐Hori e‐Sehire ngokwapambili; kodwa usapo luka‐Esau lwawagqogqa, lwawatshabalalisa pambi kwalo, lwaza lwahlala esikundleni sawo; njengokuba o‐Sirayeli benje njalo nasezweni lemfuyo yabo, elo babelipiwe nguyehova.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaHori ebemi kwaSehire ngenxa engaphambili; kodwa bandwendwa oonyana bakaEsawu, babatshabalalisa phambi kwabo, bemka endaweni yabo; njengoko benza ngako oonyana bakaSirayeli ezweni ababelihluthile, awabanika lona uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wona amaHori ayekade emi eSeyire, aza agxothwa yinzala kaEsawu, yawaphanzisa kwema yona kuloo mhlaba wawo, kwanjengokuba noSirayeli ezigxothile iintshaba zakhe kumhlaba awuphiwe nguNdikhoyo.