Deuteronomy 2:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku imihla esibe sihamba ngayo sisuka e‐Kadeshe‐baneha, side sawela umlanjana we‐Zerede, yabiyiminyaka emashumi matatu anesibozo; kwada kwagqityelwa sonke isizukulwana samadoda okulwa pakati kwomkosi, njengokuba uyehova ewafungele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuhamba kwethu eKadeshe-bharneha sada sawela umlambo iSerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; side siphele sonke isizukulwana samagorha phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoku ke kwakusekuyiminyaka emashumi mathathu anesibhozo saphumayo eKadeshe-bhaneya. Onke amajoni eso sizukulwana ayeselafa ngokomlomo kaNdikhoyo.