Deuteronomy 2:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wauya kusondela pambi kwosapo luka‐Hamoni; ungalupati ngobutshaba, ungalwi nalo kanjako; ngokuba ndingayi kunika kuwe kwilizwe losapo luka‐Hamoni imfuyo: ngokuba ndilupile usapo luka‐Lote lona libe yimfuyo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli, uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekusondeleni kwakho koonyana baka-Amon, uze ungabaphazamisi, ungabaphazamisi; kuba ilizwe loonyana baka-Amon andiyi kuninika lilifa; ngokuba ndayinika oonyana bakaLote ukuba bayime.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa nilapho ke noba kufuphi kumhlaba wama-Amon, inzala kaLothe. Ze ningawabandezi okanye niwaqale; kaloku andiyi kuninika nento le kumhlaba endawunika wona.’