Deuteronomy 2:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Namhla nje ndiya kuqala ukubeka ukunkwantywa kwako nokwoyikwa kwako pezu kwabantu abangapantsi kwalo lonke izulu, abaya kuva indaba ngawe, bangcangcazele, batutumele ngenxa yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngale mini ndiya kuqala ukubeka ukunkwantya ngawe nokoyikeka kwakho phezu kwabantu abaphantsi kwezulu lonke, abaya kuluva udaba lwakho bagungqe, bazibhijabhije ngenxa enawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Namhlanje ndiya kuqala ukubeka ukunkwantya kwakho nokoyikeka kwakho phezu kweentlanga eziphantsi kwezulu lonke, eziya kuva ngawe, zigungqe, zoyike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukusukela namhlanje bonke abantu belimiweyo ndiza kubenza banoyike, barhwaqeliswe yingxelo yoko nikwenzileyo.’ ”