Deuteronomy 2:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ebengavumi u‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, ukuba sidlule kuye: ngokuba uyehova, utixo wako, wenza lukuni umoya wake, nentliziyo yake wayigwenxisa, ukuze amnikele esandleni sako, njengokuba kunjalo kwa namhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akavuma uSihon ukumkani weHeshbhon, ukuba sicande kuye, ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akasivumela uSihon ukumkani waseHeshbhon ukuba sicande kuye; ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke ukumkani uSihon wala ukuba sicande emhlabeni wakhe. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wayemenze wanenkani waqaqadeka, khon' ukuze simoyise siwuthathe lo mhlaba wakhe simi kuwo unangoku.