Deuteronomy 2:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nize ningalwi nalo; ngokuba ndingayi kunika kuni kwilizwe lalo, kwa nokunyatelwa kwomzantsi wonyawo: ngokuba ndimpile u‐Esau intaba ye‐Sehire ibe yimfuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musa ukubaphazamisa; kuba ezweni labo andiyi kuninika nto, nokuba bububanzi bonyawo; ngokuba intaba yakwaSehire ndamnika uEsawu ukuba ayime.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kambe ke ze nizilumkele ningawaqali, kuba kaloku andiyi kuninika nomhlathana lo kumhlaba wawo. Intaba yeSeyire ndayinika uEsawu nenzala yakhe.