Deuteronomy 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova, utixo wako, ekutamsanqele kuyo yonke imisebenzi yesandla sako; uyakwazi yena ukuhamba kwako kulentlango enkulu; leminyaka imashumi mane uyehova, utixo wako, unawe; akuswelanga luto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Uyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu;le minyaka imashumi mane uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ukusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wezandla zakho; Uyayazi indlela yakho kule ntlango inkulu; kuba le minyaka imashumi mane uYehova uThixo wakho unani; akufuni nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Khumbulani kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unithamsanqele kuko konke enikwenzileyo. Unilondolozile ngalo lonke uhambo lwenu kwesi sithabazi sentlango. Kula mashumi mane eminyaka uNdikhoyo uThixo wenu ebenani, anaswela nto.