Deuteronomy 2:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati kum: Ungapati ama‐Mowabi ngobutshaba, ungalwi nawo emfazweni kanjako: ngokuba ndingayi kunika kuwe kwilizwe lawo imfuyo; ngokuba ndilupile usapo luka‐Lote i‐Hari ibe yimfuyo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyinike oonyana bakaLote, ukuba bayime.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum, Musani ukuwahlisela ishwangusha amaMowabhi, uze ungalwa nawo ulwe nawo; kuba ezweni lawo andiyi kuninika lilifa; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba libe lilifa labo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wandiyala wathi: ‘Uze ungawabandezeli uwaqale amaMowabhi, inzala kaLothe, kuba ndiwaphe idolophu yaseAra. Ke andiyi kukunika nendawana le kumhlaba wawo.’