Deuteronomy 20:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NXA upumela ukulwa ngakuzo intshaba zako, ubone amahashe, nenqwelo, n abantu abaninzi pezu kwako, aniyi kuboyika: ngokuba uyehova, utixo wako, enawe, owakunyusayo ezweni le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba unawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uthe wazingenela iintshaba zakho, ngamahashe, neenqwelo zokulwa, nabantu abaninzi kunokuba ubabona, uze ungaboyiki; ngokuba unawe uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa uthe waphuma usiya kulwa notshaba, waza wabona ukuba lona luneenqwelo namahashe, nomkhosi walo ungaphezulu kowakho, sukoyika. *UNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa uya kuba nawe.