Deuteronomy 20:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni uya kuvingcela isixeko imihla emininzi, ekulweni ngakuso ukuba usibambe, akuyi kutshabalalisa imiti yaso ngokubeta ngakuyo ngezembe: ngokuba uya kutya kuyo; ngako yona akuyi kuyinqumla, (ngokuba imiti yasendle ye yokudla kwomntu,) ukuba iye pambi kwako ekuvingceleni:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa nithe ke nenza iintsuku niwungqingile umzi, nisilwa nawo ukuba niwuhluthe, uze ungayonakalisi imithi yawo ngokuyixabela ngezembe; kuba uya kudla kuyo. Uze ungayigawuli;kuba umthi wasendle ungumntu na, ukuba ungqingwe nguwe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa nithe nawungqinga umzi imihla emininzi, nisilwa ukuba niwuthimbe, ize ningonakalisi imithi yaso ngokuyigalela ngezembe; ngokuba ungadla kuzo, ungazigawuli umthi welizwe bubomi bomntu) ukuzisebenzisa ukubhloka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa uhlasela isixeko, sukuyigawula imithi yaso yeziqhamo, noba ungade usingqinge ixesha elide kangakanani na. Ungazitya iziqhamo ezo, kodwa ke ungayitshabalalisi yona imithi. Kungani uhlasele imithi ingelotshaba lwakho nje!