Deuteronomy 20:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aya kupinda amagosa ukuteta ebantwini, ati: Nguwupina umntu owoyikayo nontliziyo ibutataka? makahambe abuyele endlwini yake, ukuba inganyibiliki intliziyo yabazalwana bake, njengeyake intliziyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Boqokela ababhali bathethe ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owoyikayo, ontliziyo ithambileyo? Makahambe abuyele endlwini yakhe, inganyibiliki intliziyo yabazalwana bakhe, njengentliziyo yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izicaka ziya kuqhubeka zithetha ebantwini, zithi: “Nguwuphi na umntu owoyikayo nodakumbileyo? makabuyele endlwini yakhe, hleze ithi thaa intliziyo yabazalwana bakhe, njengoko yenjenjalo intliziyo yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwakhona iinduna ziya kubuzisa zithi: ‘Ngaba kukho indoda enentliziyo kanina na apha? Xa kunjalo ke mayibuy' umva, hleze isulele namanye.’