Deuteronomy 21:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, ukuba akukoliswa yiyo, uya kuyindulula iye ngomxe̔lo wayo; kodwa akukuka uyitengise ngemali, akuyi kuyikonzisa kanjako, ngenxa yokuba uyitobile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ukuba uthe akwayinanza, uyindulule iye ekuthandeni kwayo; ungakhe uthengise ngayo ngemali, ungayiphathi kakubi, uyonile nje.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba akukukholisanga, myeke aye apho athanda khona; uze ungamthengisi ngemali, ungenzi nto naye, ngokuba umphoxile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kamva ke, xa ungasayifuni, yikhulule ihambe iye apho ithande khona. Kaloku uyenze umkakho; ngoko ke akunalungelo lakuyithengisa ibe likhoboka.”