Deuteronomy 21:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni umntu anabafazi ababini, omnye otandwayo, omnye otiywayo, abamzaleleyo onyana, kwa lowo utandwayo nalowo utiywayo; ukuba unyana wamazibulo uba ngowotiywayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ithe indoda inabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela abantwana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ukuba unyana wamazibulo uthiyiwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba indoda inabafazi ababini, omnye imthanda kunomnye, baza ke bobabini bazala oonyana, kwaza kwathi kanti lo ulizibulo akanguye owomfazi oyintandane,