Deuteronomy 21:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
isidumbu sake asiyi kulalisa emtini, koko uya kugqibela ukumncw̔aba ngalomini; (ngokuba esisiqalekiswa kutixo oxo̔nyiweyo;) ukuze unganco̔lisi ilizwe lako, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
isidumbu sayo masingalali emthini. Wosingcwaba kwangaloo mini, ngokuba oxhonyiweyo usisiqalekiso kuThixo; uze ungawenzi inqambi umhlaba wakho akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ube lilifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
isidumbu sakhe singahlali phezu komthi ubusuku bonke, uze ungcwatywe kwangaloo mini; ngokuba oxhonyiweyo uqalekisiwe nguThixo; ukuze ilizwe lakho akunikayo uYehova uThixo wakho libe lilifa, lingabi yinqambi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
makungade kuse isaxhonyiwe. Mayithulwe ingcwatywe kwangaloo mini; kaloku umntu oxhonywe emthini uqalekisiwe nguThixo. Ngoko ke mawungcwatywe umzimba, khon' ukuze *ungagqwaliseki umhlaba owuphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.