Deuteronomy 22:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ukuba umzalwana wako akakufupi nawe, umhlaumbi akumazi, woyigodusa endlwini yako, ize ibeko kuwe ade umzalwana wako ayifune, wauya kuyibuyisela kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi, wozihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umzalwana wakho akakho ngakuwe, nokuba akumazi, uze uyizise endlwini yakho, ibe kuwe, ade ayifune umzalwana wakho, uyibuyisele kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke ukuba umniniyo uhlala kude okanye akuyazi ukuba yekabani na, yithathe uyigcine kwakho. Akufika ke umniniyo eyifuna mnike.