Deuteronomy 22:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nobakupela esangweni lesixeko eso bobabini, nibagibisele ngamatye, ukuba bafe; inkazana, ngendawo yokuba ayikalanga isesixekweni; nendoda, ngendawo yokuba itobile umfazi wommelwane wayo: kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nobakhupha bobabini nibamise ngasesangweni laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; inkazana leyo, ngenxa yokuba ingakhalanga iphakathi komzi; umfo lowo, ngenxa yokuba emonile umfazi wommelwane wakhe; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakhupheni ngoko bobabini ngaphandle kwesango laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; intombazana leyo, ngokuba ingabizanga isesixekweni; nendoda, ngokuba imonile umkayo; ngoko ke, bususeni ububi phakathi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bobabini mabathathwe bakhutshelwe ngaphandle kwedolophu, baxulutywe ngamatye bade bafe. Intombi le mayibulawe kuba ingenzanga mizamo ikhale, nangona ibingéviwayo. Ke yona indoda le mayibulawe kuba ithathe isondo kwintombi eyendayo. Ngale ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.