Deuteronomy 22:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kwenje njalo nakulo iqwaṙashe lake; uya kwenje njalo nakuyo ingubo yake; uya kwenje njalo nakuko konke okulahlekileyo kwomzalwana wako, oko kulahlekileyo kuye, nokufumeneyo wena: akungezifihle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe, wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze wenjenjalo nakwiesile layo; enjenjalo nezambatho zakhe; nazo zonke izinto ezilahlekileyo zomzalwana wakho, aphulukene nazo, uze uzifumane, yenza kwaezo zinto; usenokungazifihli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yenza kwaloo nto nokuba yidonki okanye yimpahla yokunxiba oyicholeyo, nayo nantoni na yomwenu elahlekileyo.