Deuteronomy 22:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni ufumanana nendlu yentaka endleleni, komnye umti, umhlaumbi pezu kwomhlaba, inamatole umhlaumbi inamaqanda, nonina ehleli pezu kwamatole umhlaumbi pezu kwamaqanda, akuyi kususa unina kunye namatole.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa kukho intaka endleleni yakho, nokuba kuwuphi na umthi, nokuba kusemhlabeni, nokuba kumathole, nokuba ngamaqanda, yaza ke izalela unina, nokuba ngamaqanda, musa ukuthabatha nonina, nokuba lincinane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba ubonisele intaka emthini okanye phantsi, waza wafumanisa ukuba imazi leyo iyafukama okanye inamathole, sukuyibamba uyithathe imazi leyo.