Deuteronomy 23:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba uyehova, utixo wako, ehamba pakati kwomnquba wako, ukuba akusindise, nokuba azinike intshaba zako ebusweni bako; ngako umnquba wako woba ngcwele, aze angaboni pakati kwako into ehlazekileyo, andul’ ukubuya kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba uYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akuhlangule, azinikele iintshaba zakho kuwe. Ize icokiseke iminquba yakho, angaboni nto iziintloni kuwe, ajike emke kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngokuba uYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akusindise, azihlangule iintshaba zakho kuwe; ke ngoko, umandlalo wakho woba ngcwele, ukuze bangaboni nto ingcolileyo kuwe, baphambuke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku *uNdikhoyo uThixo wakho uhlala kunye nawe, khon' ukuze akukhusele, ube nokuzoyisa iintshaba zakho. Ungaze wenze nto ilihlazo, khon' ukuze angakufulatheli uNdikhoyo.”