Deuteronomy 23:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
owasemzini ungamboleka ngenxa yenzuzo, kodwa umzalwana wako akuyi kumboleka ngenxa yenzuzo; ukuze uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuko konke usolulela kona isandla sako, elizweni apo uya kona ukulifuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wobiza inzala kowolunye uhlanga; uze ungabizi nzala kumzalwana wakho, ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho ezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, kulo ilizwe ongena kulo ukuba ulime.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyakwazi ukumboleka omnye umntu ngenzala; uze ungamboleki kakhulu umzalwana wakho, ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo, kulo ilizwe oya kulo ukuba ulihluthe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ungayibiza inzala ngento oyiboleke intlanga, ungayibizi kumwenu. Xa uwuthobele lo myalelo uNdikhoyo uThixo wakho uya kuyithamsanqelisa yonke into oyenzayo kwelo lizwe uya kuma kulo.