Deuteronomy 23:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni uya kubambisa ngesibambiso kuyehova, utixo wako, akuyi kulibala ukusihlaula: ngokuba uyehova, utixo wako, eya kusibiza kuwe ngenyaniso, kwandule kubeko kuwe isono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova uThixo wakho, uze ungalibali ukusizalisa; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kusibiza kuwe, kube sisono kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova uThixo wakho, musa ukulibala ukusizalisekisa; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kubuza kuwe; Oko kuya kuba sisono kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa wenze isibhambathiso kuNdikhoyo uThixo wakho uzungalibazisi ukusifezekisa. Kaloku uNdikhoyo uyasibanga, ibe ke sisono ukungasiphumezi.