Deuteronomy 23:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni uzayo enqoloweni yommelwane wako, ungazika izikwebu ngesandla sako; kodwa musa kushukumisa iṙenqa ngakuyo inqolowa yommelwane wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthe wangena engqoloweni yommelwane wakho, engekavunwa, wokha izikhwebu ngesandla sakho; ungafaki rhengqa engqoloweni yommelwane wakho engekavunwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uthe wangena entsimini yommelwane wakho engekavunwa, waluvuna ukhula ngesandla sakho; kodwa musa ukuphosa rhengqa kwingqolowa yommelwane wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba uhamba ngomlimandlela wentsimi yomntu enengqolowa, ungáyikha utye kangangoko ufuna, kodwa ungayisiki ngerhengqe.”