Deuteronomy 24:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
XESHEKWENI indoda iya kuzeka umfazi, itshate naye; kuya kuti, ukuba akafumani ufefe emehlweni ayo, ngenxa yokuba ifumene kuye into ehlazekileyo, iya kwandula imba̔lele incwadi yokumlahla, iyinike esandleni sake, imndulule endlwini yayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ithe indoda yazeka umfazi, yayindoda yakhe, kothi ke ukuba uthe akafumana ukubabalwa emehlweni ayo, ngokuba ifumene iindawo eziziintloni kuye, yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ithe indoda yazeka inkazana, yamzeka, akwabakho mfazi ukuba angabi nanceba emehlweni ayo, ngokuba ufumene ukungcola kuyo; wambhalela incwadi yokwahlukana, wamnika, wamndulula endlwini yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba indoda ithathe umfazi, yaza kamva yakruquka nguye ngenxa yesizathu esithile, kufuneka imbhalele incwadi yokwahlukana, ize imnike, ibe ke iyamgxotha ngolo hlobo.