Deuteronomy 24:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni uvunayo isivuno sako entsimini yako, ukuba ulibele isitungu entsimini, akuyi kubuya ukuya kusitabata: soba sesowasemzini, n esenkedama, nesomhlolokazi; ukuze uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuwo wonke umsebenzi wezandla zako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthe waluvuna uvuno lwakho entsimini yakho, walibala isithungu entsimini, uze ungabuyi uye kusithabatha; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi, ukuze uYehova uThixo wakho akusikelele emsebenzini wonke wezandla zakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uthe wagawula isivuno sakho emhlabeni wakho, walibala kakhulu emhlabeni, akuyi kuwuthabatha; zibe zezomngeneleli, nenkedama, neyomhlolokazi, ukuze uYehova uThixo wakho akusikelele emsebenzini wonke wezandla zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba ushiye isithungu sengqolowa entsimini xa uvunayo, sukuphinda usiphuthume; sesoba sesabangeneleli abahlala phakathi kwenu, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kuyo yonke into oyenzayo.