Deuteronomy 24:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
indoda yake yokuqala, eyamndululayo, ayingebuye imzeke abe ngumfazi wayo, emveni kwokuba unco̔lisiwe; ngokuba kuyintshontsho oko ebusweni bukayehova: kwa njalo akuyi kulenza ilizwe lone, elo ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
mayingabi nako indoda yakhe yokuqala eyamgxothayo, ukubuya imzeke abe ngumkayo, emveni kokuba enziwe inqambi; ngokuba lisikizi elo kuYehova. Uze ungalenzi, ukuba lone ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indoda yakhe yokuqala eyamqhawulayo ayiyi kumthabatha abe ngumfazi wayo emva kokuba enziwe inqambi; ngokuba lisikizi phambi koYehova; yaye ungalibeki ityala ilizwe elo akunika lona uYehova uThixo wakho ukuba ulidle ilifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
laa ndoda yakhe yokuqala ayinalungelo lokuphinda imthathe. Kaloku ngoku *unomlaza. Xa ingasuka imthathe kwakhona yoba lisikizi elo *kuNdikhoyo. Ngoko ke elo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho ungaze *uligqwalise ngamasikizi anjalo.”