Deuteronomy 24:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kwenziwa umbambiso ngelapantsi nangelapezulu ilitye lokusila: ngokuba kusenziwa umbambiso ngento kupilwa ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makangenziwa sibambiso amatye okusila, nokuba lelingaphezulu, kuba oko kukubambisa ngomphefumlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makungabikho ubambisa umntu ngesibambiso ngaphantsi okanye umphezulu, kuba oko kukubambisa ngomphefumlo womntu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kukho into oyiboleke omnye umntu, sukumenza abambise ngelitye lakhe lokusila, nditsho nkqu imbokotho; kaloku ngolo hlobo loo mzi ungaba wohluthwe indlela yawo yokwenza ukutya.