Deuteronomy 24:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni kufunyanwa umntu esiba̔ omnye kubazalwana bake, kulo usapo luka‐Sirayeli, andule amkonzise, atengise ngaye; isela elo liya kufa; wauya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ithe indoda yafunyanwa isiba umntu ebazalwaneni bayo, oonyana bakaSirayeli, imphathe kakubi, ithengise ngaye njengekhoboka: malife elo sela; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ithe indoda yafunyanwa isiba omnye ebazalwaneni bayo, phakathi koonyana bakaSirayeli, mkhonze njengekhoboka, mhlawumbi ithengise ngaye; liya kufa ke elo sela; yaye bususe ububi phantsi kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nawuphi na umntu oqweqwedise umSirayeli, waza wamenza ikhoboka lakhe, okanye wamthengisa ukuze abe likhoboka, makabulawe. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.