Deuteronomy 24:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zilumkele esibulaweni sesilepero, ukuba ulumke kunene wenze ngako konke baya kunifundisa kona abaperisite abangaba‐Levi; njengokuba ndiyalele bona, niya kulumkela ukwenje njalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zigcine esibethweni seqhenqa, ugcine kunene, wenze ngokwezinto zonke abaya kuniyala ngazo ababingeleli, abaLevi;njengoko ndabawisela umthetho, nigcine ukwenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zilumkele iqhenqa, unikele ingqalelo uze wenze kanye njengoko baya kunifundisa ababingeleli babaLevi; yenzani njengoko ndabawisela umthetho ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kukho umntu ogula sisifo solúsu, yenza ngenyameko kanye ngokwemigqaliselo oyinikwa ngababingeleli; yenza ngokwemiyalelo endabanika yona.