Deuteronomy 25:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoti ke ngoko, akuba uyehova, utixo wako, ekupumzile kuzo zonke intshaba zako ezingqongayo, elizweni ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa, ukuba ulifuye, inkunjulwa ka‐Amaleki uya kuyicima kwa pantsi kwezulu: ungalibali ke!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ngeenxa zonke, ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa ulime, usicime isikhumbuzo sika Amaleki phantsi kwezulu; uze unga libali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kothi, ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ezingeenxa zonke kuwe, ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime, usicime isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwezulu soze uyilibale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke akuba uNdikhoyo ekuhlangule kuzo zonke iintlanga ezikungqongileyo, waza wawuma umhlaba akunika wona ukuba ube lilifa lakho, uze uwabulale uwatshayele ama-Amaleki atsho alibaleke. Uyabona ke, uze ungaphazami!”