Deuteronomy 25:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yimivimbo engamashumi mane angambetayo ngayo, angongezi; hleze kuti, akwongeza ukumbeta ngapezu kwayo le ngemivimbo emininzi, andule adeleke umzalwana wako emehlweni ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yobethwa imivumbo emashumi mane, kungongezwa; hleze kwakongezwa yabethwa imivumbo emininzi ngaphezu kwaleyo, acukucezeke umzalwana wakho emehlweni akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Angayibetha imivumbo emashumi mane, ingabi ngaphezu koko; ukuze ukuba uthe akagqithanga kuye, wambetha imivumbo emininzi kunale, akuphathe kakubi umzalwana wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Angákatswa ukuya kwimivumbo emashumi mane, kodwa ke ingadluli apho. Kaloku xa inokuba ngaphezu kwaleyo wòba umthobile umwenu.