Deuteronomy 25:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba londoda ayitandi ukumzeka umfazi womkuluwe wayo, makenyuke umfazi womkuluwe wayo aye esangweni kubadala, ati: Umninawe wendoda yam uyala ukuvusela umkuluwe wake igama kwa‐Sirayeli, akavumi ukwenza imfaneleko yomninawe wendoda kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba indoda leyo ithe ayakunanza ukumzeka umkamfi lowo, wonyuka umkamfi lowo, aye esangweni kumadoda amakhulu, athi, Laa mntu uzalana nendoda yam akavumi ukumvelisela umntakayise igama kwaSirayeli, akavumi ukwenza kum okozalana nendoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba indoda ithe ayakunanza ukumzeka umfazi womntakayise, makanyuke umkamfi lowo, aye esangweni kumadoda amakhulu, athi, Umzalwana wam, indoda yam iyala ukuliphakamisa igama lomzalwana wayo kwaSirayeli, ayiyi kuwumisa loo myalelo umsebenzi womninawa womyeni wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukuba umntakwabo-mfi lo akafuni kumthatha, umka-mfi makaye kuxelela amadoda amakhulu edolophu leyo, athi: ‘Umntakwabo-mfi akavumi kuwenza umsebenzi wakhe; uyala ukuvelisela umfi inzala phakathi kwamaSirayeli.’