Deuteronomy 26:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa ugqibile ukuhlaula zonke izishumi zenzuzo yako, ngomnyaka wesitatu, umnyaka wezishumi ezo; na nxa unikileyo kum‐Levi, kowasemzini, koyinkedama, nakumhlolokazi, ukuba badle pakati kwamasango ako, bahlute nokuhluta;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthe wagqiba ukunikela isishumi sonke songeniselo lwakho ngomnyaka wesithathu, ongumnyaka wezishumi wamnika umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, badla emasangweni akho, bahlutha:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wasinikela emvuzweni wakho wonke, ngomnyaka wesithathu ongumnyaka wesishumi, wazinika umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, ukuba bawudle emasangweni akho adliwe emizini yenu igcwaliswe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Njalo kunyaka wesithathu, ongunyaka wezishumi, khupha isishumi sesivuno sakho, usinike abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze bathi xa bebonke, kuzo zonke izixeko, batye banele. Wakuba wenjenjalo ke