Deuteronomy 26:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova umvumile namhla ukuba ungutixo wako, nokuba uya kuhamba ezindleleni zake, ugcine izimiselo zake, nemiyalelo yake, nezigwebo zake, uve nokuva ilizwi lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova namhla umbangile wathi unguThixo kuwe, nokuba wena wohamba ngeendlela zakhe, uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, uliphulaphule izwi lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nimazile namhlanje uYehova ukuba unguThixo wenu nokuba nihambe ngeendlela zakhe nokugcina imiyalelo yakhe imisiwe nemiyalelo yakhe nezigwebo zakhe nokuliphulaphula ilizwi lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngokunjalo ke namhlanje niyivakalisile into yokuba uNdikhoyo nguThixo wenu; futhi nithembisile ukuba niya kumthobela, niyenze imimiselo nemiyalelo nemithetho yakhe.