Deuteronomy 26:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo uyehova uvumile wena namhla ukuba ungabantu bake abanqabileyo, njengokuba etshilo kuwe, nokuba uya kugcina yonke imiyalelo yake:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NoYehova namhla unibangile nina, wathi ningabantu abayinqobo kuye, njengoko wathethayo kuni, ukuze niyigcine yonke imithetho yakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uninyule namhla, ukuba nibe ngabantu bakhe abakhethekileyo, njengoko wakuthethayo kuni, niyigcine yonke imithetho yakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kunamhlanje nje ke uNdikhoyo uyivakalisile into yokuba unamkele naba ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe; ngoko ke uyaniyala, uthi yithobeleni imiyalelo yakhe.