Deuteronomy 26:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze akubeke pezulu pezu kwazo zonke intlanga azenzileyo, eludunyisweni, nasegameni, nasebungcwaliseni; nokuze ube ngabantu abangcwele kuyehova, utixo wako, njengokuba etshile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
aniphakamise ngaphezu kweentlanga zonke azenzileyo, ukuba nibe yindumiso, negama, nendili; nibe ngabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu, njengoko wakuthethayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
aniphakamise ngaphezu kweentlanga zonke azenzileyo, ngendumiso, negama, nembeko; nibe ngabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu, njengoko wakuthethayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uya kuniphakamisa, nibe ngaphezu kwazo zonke izizwe awazidalayo, khon' ukuze nityibele nibonga nilizisele udumo nesithozela igama lakhe. Ngenene niya kuba ngabantu bakaNdikhoyo uThixo wenu ngokomlomo wakhe.”