Deuteronomy 26:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uya kutabata kwisiqalo sako konke ukuqa̔ma kwomhlaba, oya kuvela nako emhlabeni wako uwupiwayo nguyehova, utixo wako, usibeke esityeni; usuke uye endaweni aya kuyinyula uyehova, utixo wako, ukuba alimise igama lake kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uthabathe inxenye yolibo lweziqhamo zonke zomhlaba oya kuzingenisa, ziphuma ezweni lakho akunikayo uYehova uThixo wakho, uzibeke engobozini; uye kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela, ukuba alibeke khona igama lakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uthabathe ulibo kwintlahlela yonke yomhlaba, owukhuphayo ezweni lakho akunikayo uYehova uThixo wakho, ukuphose engobozini, uye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho beka igama lakhe apho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
umntu ngamnye aze athathe ibhaskiti, afake ulibo lwento nganye ayilimileyo, aye nayo kuloo ndawo yonqulo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho ukuzinzisa igama lakhe.