Deuteronomy 27:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makaqalekiswe lowamntu owenzayo umfanekiso oqingqiweyo umhlaumbi otyityishiweyo, into eyintshontsho kuyehova, umsebenzi wezandla zencibi, awubeke emfihlelweni! Babeya kupendula bonke abantu, bati: Amene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo, umfanekiso oqingqiweyo, olisikizi kuYehova, umsebenzi wezandla zengcibi, awubeke endaweni esitheleyo; Baphendula bonke abantu, bathi, Amen!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Uqalekisiwe umntu oqingqa umfanekiso ngelitye, umthi, noba sisinyithi, aze awunqule emfihlakalweni. Into enjalo lisikizi kuNdikhoyo.’ “Ke bona abantu bophendula besithi: ‘Makube njalo!’