Deuteronomy 28:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kuya kuti, xa ungayi kupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ulumkele ukuyenza yonke imiyalelo yake nemimiselo yake, endikuyalelayo namhla; kuya kwandula kuze pezu kwako zonke iziqalekiso ezi, zikufumane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke Kothi, ukuba uyigcine uyenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe endikuwiselayo namhla, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba uthe akwaliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine yonke imithetho yakhe nemiyalelo yakhe endikuwiselayo namhla; zibe phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikufumane;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke ukuba akulithobelanga ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, ukuba akuyenzanga yonke le miyalelo nale mimiselo ndikunika yona namhlanje, ziya kukufumana iziqalekiso: