Deuteronomy 28:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova uya kukwenza woyiswe pambi kwentshaba zako; ngendlela inye wopumela kuzo, nangendlela zisixe̔nxe uya kwesaba pambi kwazo; wauya kuba yinto yokuzanyazanyiswa kubo bonke ubukumkani bomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wokunikela ubethwe ziintshaba zakho, uphume ngandlela-nye ukuya kuzo, uzibaleke ngeendlela ezisixhenxe, ube yinto yokufeketha ezikumkanini zonke zehlabathi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Woninikela uYehova phambi kweentshaba zenu; niya kuwahlasela ngandlela-nye, nisaba kuzo ngeendlela ezisixhenxe, nigungqiswe ezikumkanini zonke zehlabathi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“UNdikhoyo uya kuzipha uloyiso iintshaba zakho, zikuvuyelele. Wothi uzihlasela kweli cala, zona zikubethe uthi saa macal' onke. Zonke ke izizwe zehlabathi ziya kuthi zakuyibona le nto ikuhleleyo zitsho zihlasimle.