Deuteronomy 28:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo isidumbu sako soba kukutya kuzo zonke intaka zezulu, nakuwo amaṙamncwa omhlaba, kungeko oya kuzoyikisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
isidumbu sakho sibe kukudla kweentaka zonke zezulu, nokwamarhamncwa elizwe. kungabikho bani uphekuzayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izidumbu zenu zoba kukudla kweentaka zonke zezulu, nokwamarhamncwa asendle, kungabikho bani uziqwengayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa senifile imizimba yenu iya kutyiwa ziintaka namarhamncwa, futhi kungabikho namntu uzigxothayo.