Deuteronomy 28:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wauya kuputaputa emini, njengokuba imfama iputaputa ebumnyameni, nendlela zako akuyi kuzitamsanqelekisa; kodwa uya kubandezelwa upangwe nokupangwa kupela imihla yonke, kungeko oya kusindisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uphuthaphuthe emini emaqanda, njengemfama iphuthaphutha esithokothokweni; ungabi nampumelelo ezindleleni zakho, ucudiswe kodwa, uphangwe yonke imihla, kungabikho bani ukusindisayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuphuthaphutha emini njengemfama ephuthaphutha emnyameni, ungabi nampumelelo ezindleleni zakho; yaye uya kuhlala ucinezelwe yaye uthinjwa, kungabikho bani ukuhlangulayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuba ngathi uyimfama, uphampathe ngoku ilanga lihlab' umhlaba. Kuyo yonke into oyenzayo akuyi kuba nampumelelo. Uya kuba sisisulu sengcinezelo, uphangwe, kungekho bani ungakuncedayo.