Deuteronomy 28:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Onyana bako nentombi zako baya kunikwa ebantwini bambi, aze amehlo ako akangele, apelele bona imini yonke; kanti akuyi kubako nto emandleni esandla sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonikwa bantu bambi oonyana bakho neentombi zakho, akhangele amehlo akho, aphelele kubo imini yonke, singabi namandla isandla sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakho neentombi zakho baya kunikwa olunye uhlanga, akhangele amehlo akho aze abe buhlungu ukubabona imini yonke, ungabi namandla esandleni sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana neentombi zakho ziya kunikezelwa kwezinye iintlanga ujongile. Uya kutyabuk' amehlo ujong' enkalweni, ulindele ukubuya kwabantwana bakho, kungekho nto unokuyenza.