Deuteronomy 28:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova uya kukusa wena, nokumkani wako oya kummisa pezu kwako, eluhlangeni ongalwazanga wena noyihlo bako; apo uya kakonza kona otixo bambi, imiti namatye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wokusa wena, nokumkani wakho othe wammisa phezu kwakho, eluhlangeni eningalwaziyo wena nooyihlo, ukhonze khona apho thixo bambi, imithi namatye;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wokusa kuhlanga eningalwaziyo wena nooyihlo; nikhonze khona thixo bambi, imithi namatye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wena, ngokunjalo nokumkani ommiseleyo, uNdikhoyo uya kunithatha anise kwilizwe eningalaziyo, elingazange laziwa nangooyihlo-mkhulu. Apho ke uya kunqula *thixo bambi abenziwe ngomthi, ngokunjalo nabamatye.