Deuteronomy 28:45 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako zonke eziziqalekiso ziya kuza pezu kwako, zikuputume, zikufumane, ude utshatyalaliswe; ngokokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ugcine imiyalelo yake nemimiselo yake akuyalele ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zoza ke phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikusukele, zikufumane ude utshabalale; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe akuwiseleyo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zoza ke phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikusukele, zikubambe, ude ubhubhe; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemithetho yakhe owise umthetho ngayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Zonke ke ezi ziqalekiso ziya kukujikeleza zide zikufumane, zikuvuthulule uphele, ngenxa yokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, ungayenzanga imiyalelo nemimiselo endikunike yona.