Deuteronomy 28:48 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kukona uya kukonza intshaba zako, aya kuzituma uyehova ngakuwe, ekulambeni, nasekunxanweni, nasebuzéni, nasekuswelekeni kwento zonke: waeya kubeka iyokwe yesincete pezu kwentamo yako, ade akutshabalalise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wokhonza iintshaba zakho, ezo aya kuzithumela kuwe uYehova, ulambile, unxaniwe, uhamba ze, uswele zonke izinto, abeke idyokhwe yesinyithi entanyeni yakho, ade akutshabalalise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, khonzani iintshaba zenu eya kuthi iNkosi izithumele ngokuchasene nani ngendlala nonxano kwaye niswele yonke into; abeke idyokhwe yentsimbi entanyeni yakho, akutshabalalise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uya kubusa iintshaba akuthumele ngazo uNdikhoyo. Uya kucikidwa yindlala, unxano, nobuze, naziindidi ngeendidi zeentswelo. Uya kukukhama ngedyokhwe yentsimbi ude utshabalale.