Deuteronomy 28:62 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kushiywa ningabantu abancinane, endaweni yokuba nibe ninjengenkwenkwezi yezulu ukuba baninzi; ngokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nisale nibantu bambalwa, esikhundleni sokuba naningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi; ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nisale nibantu bambalwa, nakuba naningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nokuba nande nada nayinyambalala enjengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, liqaqobana nje eliya kusinda, kuba kaloku ningamthobelanga uNdikhoyo uThixo wenu.